INGQESHO NGOKOBULUNGISA NOLINGANO KUNYE NOMTHETHO WOMAKULINGANWE
INTSHAYELELO
Yintoni ingqesho ngokobulungisa nolingano?
Ingqesho ngokobulungisa nolingano imalunga/iphathelele
Amathuba alinganayo kunye nokuphathwa ngokufanelekileyo kwingqesho/engqeshweni ngokushenxiswa kocalulo olungafanelekanga; kunye
Ukuzalisekiswa "kwamanyathelo enkqubo yokunikwa nokubuyekezwa kwamathuba emisebenzi kwabo babe sakuwavinjwa nawayefunyanwa kuphela ngamaqela athile akhethekileyo, ukuqinisekisa ukumelwa ngokobulungisa nolingano kuwo onke amacandelo namanqanaba omsebenzi engqeshweni/ kubasebenzi."
Yintoni injongo YoMthetho weNgqesho ngokoBulungisa?
ukukhuthaza ilungelo lomthetho-siseko lomakulingwanwe kunye nentshukumo yedemokrasi;
Ukuphelisa ucalulo olungalunganga/ olungafanelekanga engqeshweni;
Ukuqinisekisa ukuzalisekiswa kwamanyathelo okulungisa nokubuyekeza iziphumo zocaulo;
Ukufikelela nokufumana abasebenzi abamele abantu bethu abaziintlobo ngeentlobo zeendidi ezahlukeneyo,
Ukukhuthaza uphuhliso lwezoqoqosho nempumelelo/ubuchule kubasebezi
Ukunika ifuthe kwiimfanelo zePhondo njengelungu loMbutho weZizwe waBasebenzi
Ngubani okhuselweyo ngulo Mthetho?
Umthetho usebenza kubo bonke abasebenzi nabaqeshi kubandakanya nabaqeshi kumahlelo omabini, ihlelo langaphandle/lezoshishino kunye nalawo eenkonzo zoluntu. Isahluko sokuthintela ucalulo olungafanelekanka usebenza kubo bonke abaqeshi.abakhethethiweyo, ngeli xa isahluko senkqubo yokubuyekwezwa kwamalungelo kwabo babe sakuwavinjwa
Ngubani ongakhuselwanga ngulo Mthetho?
I-Arhente yooNgcothoza kaZwelonke;
IiNkonzo eziFihliweyo neziFihlakeleyo zikazwelonke woMzantsi Afrika;
I-Akhademi yoPhando kaZwelonke yoMzantsi Afrika, okanye
UKUTHINTELWA KOCALULO OLUNGAFANELEKANGA
Yintoni ucalulo olungafanelekanga ngokoMthetho?
Ucalulo olungafanelekanga lulo nalu phi udidi okanye uhlobo lokwahlukaniswa/ ukucalulwa ngenye okanye naziphi na zezi ndlela zilandelayo: ubuhlanga, isini, ukukhulelwa, umqondisa wewonga lokutshata, uxanduva/umthwalo lwentsapho, ubuhlanga okanye imvelaphi ngokomgangatho wentlalo, umbala, ukhetho lwesini ubani afuna ukuba siso okanye ukuthandana naso, iminyaka yobudala, ukukhubazeka, ukukholelwa, ubume ngokwe-HIV, isazela, inkolo, uluvo lwepolitiki, inkcubeko, ulwimi okanye ukuzalwa Icandelo 61 loMthetho weNgqesho ngokoBulungisa noLingano section 61 of the Employment Equity Act.
Yintoni ucalulo olufanelekileyo ngokumalunga noMthetho?
Ukuthatha amanyathelo enkqubo yokubuyekezwa kwabo babe sakuvinjwa amathuba ngokuhambelanayo nangokungaguquguqukiyo kwiNjongo yoMthetho no-
Kwenza umahluko ocacileyo, ukukhethela/ukuchwethela ecaleni okanye ukukhetha nabani ngokwesiseko esihambelana neemfuno zesikhundla.
Yintoni aManyathelo eNkqubo yokuBuyekezwa kwaMathuba kwabo babe sakuwavinjwa, ngokokuhambelana noMthetho?
UMthetho ubalula ukuba amanyathelo okubuyekezwa kwabo babe sakuvinjwa amathuba ngamanyathelo enzelwe ukuqinisekisa ukuba abantu abaneziqinisekiso ezifanelekileyo abavela kumaqela afanelekileyo anamathuba engqesho alinganayo kwaye amelwe ngokulinganayo kumahlelo namanqanaba emisebenzi kwindawo yokusebenza yomqeshi okhethekileyo.
Ziintoni iimfuno zemvelo zomsebenzi?
Abaqeshi banakho ukuphendula okanye ukusabela kwisityholo socalulo esingafanelekanga ngokubonisa ukuba umgaqo-nkqubo, umthetho okanye isiqhelo sifanelekile ngokwesiseko sezinye zeempawu okanye iziqinisekiso ezifanelekileyo ekwenzeni umsebenzi.
Yintoni ucalulo olungqalileyo?
Ucalulo olungqalileyo lwenzeka xa ubani/umntu othe waphathwa ngendlela engaphantsi kunomnye kodwa abe ekwimeko ehambelana okanye enokuthelekaniswa nakuyo nayiphi imihlaba edweliswe edweliswe kwicandelo 62 okanye nawuphi na umhlaba wokuzithandela naxa lo mhlaba ungadweliswanga/ ungekho kuludwe.
Yintoni ucalulo olungangqalanga?
Ucalulo olungangqalanga lusingisele okanye lubhekise kwimigaqo nkqubo neziqhelo ezingacaluli ngokucacileyo phakathi kwabantu ngokwesiseko sendlela / umhlaba odwelisiweyo (kwanemihlaba enokuba kho engadweliswanga eMthethweni) kodwa ke noko kunjalo, lunefuthe localulo kumaqela okanye kubantu abathile.
Uhlukumezo lungachazwa njengesiqhelo okanye isenzo esiqhelekileyo samagqabantshintshi acaphukisayo okanye isenzo ekufaneleke ukuba saziwe ngokufanelekileyo njengesingamkelekanga. Ngamanye amazwi, yindlela yokuziphatha ecaphukisa inukuneze ummangali kwaye yaziwa okanye ifanelwe ukwaziwa njengengamkelekanga..
Ingaba uMthetho weNgqesho wobuLungisa noLingano uhlangabezana njani noHlukumezo?
UMthetho weNgqesho wobuLungisa noLingano uthatha uhlukumezo njengendlela yocalulo olungafanelekanga, kwaye ke abaqeshi kufanele ukuba bathathe amanyathelo okunciphisa nokuphelisa uhlukumezo engqeshwen. Apho ukuhlukunyezwa kwenzeka khona ngexesha lomsebenzi kuthe kweziswa kwaze kwaziswa kumqeshi ze umqeshi angathathi manyayathelo okuhlangabezana nengxaki, umqeshi uya kuphendula ngeso sityholo. Njengazo zonke ezinye iindlela zocalulo apho izityholo zocalulo zenziwe khona, umqeshi makabonise ukuba khange kube kho lucalulo okanye lube ucalulo belulolufanelekileyo.
Icandelo 7 ngokufanelekileyo lidala ngokufanelekileyo isithintelo esipheleleyo kuvavanyo ngaphandle kokuba iNkundla yezaBasebenzi i:
Beke imiqathango ehambelana neendidi zabasebenzi abanokuvavanywa, ixesha elisebenziseka ngalo uvavanyo, kwanemibuzo emalunga nokugcinwa kwemeko nolwazi kulihlebo
INKQUBO YOKUQINISELWA EZIKHUNDLENI ZEMISEBENZI KWABO BABE SAKUVINJWA AMATHUBA OKO
Ziintoni iimfuno zodliwano ndlebe zoMthetho?
UMthetho ufuna ukuba umqeshi ochaphazelekayo aqhakamshelane nemibutho yabasebenzi emele abasebenzi emsebenzini kwimiba yoku-:
Lungiselela nokuzalisekisa/ukuphumeza inkqubo yokuqiniselwa ezikhundleni zomsebenzi kwabo babe sakuvinjwa amathuba;
Lungiselela ingxelo yengqesho ngokobulungisa nolingano.
Abanye abasebenzi kuya kufuka ukuba bajonge indlela abachaza ngayo intetho ethi"indawo yomsebenzi" (workplace). ngenjongo yoMthetho. Ukunika nje umzekelo, uMthetho awucacisi ukuba ifektri nganye eyeyenkampani enye kufanele ukuba ibe nendlela yodliwano ndlebe okanye inkqubo yesicwangciso ekhethekileyo, nokuba okanye ingaba inkqubo ebekwe embindini iya kwenela na. Abaqeshi banganqwenela ukubandakanya imibutho yabasebenzi kulo mba, nangona ekugqibeleni iya kuba ngabaphathi/abalawuli abakhulu benza isigqibo sokuba kuqhakamshelwana kuliphi kanye inqanaba.
Yintoni umqobo weNgqesho ngokoBulungisa noLingano kunye noMthetho woMakulingwane?
Umqobo uba kho apho umgaqo nkqubo, isiqhelo okanye umba wemeko yomsebenzi inciphisa amathuba abasebenzi kuba bevela kumaqela ahlelelekileyo.
Yintoni efunekayo ekunikeni ingxelo yengqesho ngokobulungisa nolingano kunye nomthetho womakulingwane?
Abaqeshi kufaneleke ukuba bafake ingxelo yabo yokuqala kuMlawuli-Jikelele zingaphelanga iinyanga ezintandathu ukuthathela kumhla wokumiselwa koMthetho (i.e. iplani kulindeleke ukuba ingeniswe ngenyanga kaJuni 2000), okanye umhla wokuqala kwabo ukuba ngumqeshi omiselweyo kanye womhla apho baqale khona khona ukuba bangumqeshi osekiweyo ze bafake ingxelo qho ngonyaka ze emva koko bayifake ngomhla wokuqala wenyanga ka-Oktobha.
Zonke iingxelo zinokufikelelwa nguye wonke umntu/ubani
Bonke abaqeshi abonyuliweyo abaziinkampani zoluntu kufuneka bapapashe isishwankathelo seengxelo zabonjengenxalenye yengxelo -mali yazo yonyaka.
Ingxelo elungiselelwe ngamalungu eSizwe mazandlalwe phambi kwePalamente.
Ingaba uMthetho ukubona njani ukuthobela okanye ukuvumela?
Umthetho ubethelela ukukwazi ukuzilawula kwaye ubeka uxanduva kubasebenzi nabameli babo ukuba bathethe ngendlela eyanza ukuba amazwi abo avakale xa bekholelwa ukuba umqeshi akawuthobeli uMthetho?.
Kungenzeka nto ni kwinkampani engawuthobeliyo uMthetho?
Izohlwayo
Inkundla yabasebenzi igunyazisa intlawulo yomonakalo nembuyekezo
Ukohluthwa kwelungelo lokufanela iikontraki zikarhulumente
Abasebenzi abangonwabanga
Ukonakala nokuhlazeka kwegama lenkampani emehlweni abantu.
